
Iimicimbi
Jonga iimicimbi yethu yesiko
Umcimbi ozayo

Unyuko lwentaba ka Nonesi - Unyaka omtsha wesiNtu
Siza kunyuka intaba ukuyokuvula unyaka omtsha wesiNtu.
Unyaka wesi Ntu uqala ngenyanga yoMsintsi. Ukususela nge 22-24 ngenyanga yoMsintsi, ilanga liyasuka kwicala langentla we Equator ukuza ngezantsi kwe Equator. Ukohlukanisa unyaka omdala obusele uxwebile umbatshile, ithi ke lonto, ngokwesiNtu unyaka omtsha awunamhla usisigxina.
Siwubona ke unyaka omtsha ngokuba ilanga litsala imvula, umhlaba utsho uhlaziyeke, ufume, izilwanyana zimithe ngoba yonke into yendalo ihlaziyekile.
Sakuthi ke sinyuke intaba ka Nonesi (e Cacadu) ngomhla we 20 kweyo Msintsi. Sakulalisa ngokwenza imvuselelo nocweyo ngomhla we 19 kweyoMsintsi, imvuselelo esiya kube siyenzela ku Matyhantya emzini.
Ngomhla we 20 ke sinyuke intaba ka Nonesi, sihamba singamaqumrhu amemelela ibuyambo, amakomkhulu, abantwana benkciyo, amagqirha, iintlabi nabo bonke abantu abaphila isintu.
Sakufika phaya entabeni senze inkqubo yasentabeni, sixhele incamazana, esiza kuyisebenzisa sinqula sicela imvula eyakusipha indyebo.
Sakgqiba sakukwehla entabeni siye kula mzi vesifikele kuwo sisiya kuchaza ihambo kuba kaloku bakhona nabantu belali ekungathi kanti abakhange benyuke nathi. Kuselwe notywala besiNtu esibenzayo rhoqo xa sinomcimbi wentaba.
Silindele ke ukuba abe khona amajelo ezosasazo asekuhlaleni, namaphephandaba wasekuhlaleni aza kusiholacholela yonke le nkqubo.
I-amaneki/ikhalenda yesiNtu
- KweyoMqungu - imvuselelo Intlanganiso ka wonkewonke
- KweyoKwindla - unyuko lwentaba ukuya kuvula ulibo
- KuCanzibe - imvuselelo Intlanganiso yobuxhakaxhaka
- KweyeSilimela - unyuko lwentaba
- Imvuselelo Intlanganiso yobuxhakaxhaka
- KweyoMsintsi - unyuko lwentaba ukuya kuvula unyaka omtsha
- Imvuselelo Intlanganiso yobuxhakaxhaka
- Unyuko lwentaba ukuyokucela amandla welanga
