Yiya kumxholo oyintloko

Malunga nathi

Siphila ngokwesiko lethu. Ukugcina nokukhuthaza isintu.

Ibali lethu

Intlalo ka Ntu liqumrhu elizimeleyo elingenzi nzuzo, eligxile kwintlalo yesintu.

Liqumrhu elihamba kwimilimandlela yoo bawomkhulu, ngokwenza zonke izinto abebefudula bezenza. Eli qumrhu lasekwa ngomnyaka ka 2017.

Yaphehlelelwa ngokusesikweni eMt Fletcher nge 05/05/2019, kwindawo yase Chevychase (eTshukutshezi). Belifudula libizwa nge Nkolo kaNtu phesheya kweNciba, ekuhambeni kwexesha labizwa ngeNtlalo kuba amalungu walo awaphelelanga phesheya kwe Nciba kuphela, koko anabele nakwamanye amaphondo wase Mzantsi we Africa — umzekelo kwiphondo lomntla Kapa akhona amalungu we Ntlalo kaNtu. Ivuselela amakhaya ekuwakhumbuzeni ngendlela ookhokho bethu babezenza ngayo izinto, kuquka unqulo. Ikhumbuza abantu ngokuthi bazi ukuba intlalo yesintu isemakhaya, yiyo lento ingenasakhiwo. Phakathi kwezinto ezenziwayo luqeqesho lwabantwana abaselula ngendlela yokuziphatha ngokubuyisa inkciyo/uhlolo lwamantombazana, idibanisa nabantwana abangamakhwenkwe, ukuze bakhule beyazi indlela yokuphatha abantwana abangamantombazana.

Injongo yethu

Injongo yethu kukugcina nokukhuthaza isintu

Umbono wethu

Kukuba sonke singabantu abantsundusiphile ngokwe sintu sethu

Isikhokelo esilawulayo

Iqela lethu linabantu abanomdla ekugcineni isiko lethu

UMnu Sixhaso

UMnu Sixhaso

USihlalo wequmrhu

UNks S. Koyo

UNks S. Koyo

USekela-sihlalo

UNkk Mbaleni

UNkk Mbaleni

Unobhala

UMnu M. Majaca

UMnu M. Majaca

USekela-nobhala

UNks Fono

UNks Fono

Unongxowa

UDkt Nqevu

UDkt Nqevu

Somlomo wequmrhu

UMnu Nkomana

UMnu Nkomana

Uphuhliso lwentsha

UNkk Gxothiwe

UNkk Gxothiwe

Uphuhliso lwentsha

UNkk Ngulese

UNkk Ngulese

Uphuhliso lwentsha

UMnu Pukwana

UMnu Pukwana

Umele indlu yee-ngwevu

UNkk Mathiso

UNkk Mathiso

Umele indlu yee-ngwevukazi

UMnu Giba

UMnu Giba

Umbhexeshi wekhasi

indima yethu

Uluntu

Sisebenza noluntu ukuze sikwazi ukugcina isiko lethu

Imfundo

Sifundisa abantu ngokubaluleka kwesiko lethu

Amafa wethu

Amafa wethu abalulekile kuba asikhumbuza ngemvelaphi yethu